Daniel 6:2 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
napezu kwazo ezi abongama abatatu, owaye u‐Danyeli wayengowokuqala kubo; ukuze inkosi ezo zenze ingxelo kubo, aze ukumkani angabi nokwonakala kwanto.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wamisa phezu kwazo ezo abongameli babathathu, omnye kubo inguDaniyeli, ukuze iirhuluneli zinike ingxelo kubo, aze ukumkani angabi nankxwaleko.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Malunga nabongameli aba bathathu; awathi uDaniyeli waba ngowokuqala kubo, ukuze abathetheli babaphendule, angaphathwa bububi ukumkani.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Phezu kwazo ke watyumba abongameli abathathu, waza ke uDaniyeli wangomnye wabo. Abongameli aba ke babesenzelwa ingxelo zezi rhuluneli, khon' ukuze ukumkani angalahlekelwa.