Daniel 6:20 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wati akuba esondele emnxunyeni, wamemeza ku‐Danyeli ngelizwi elibusizi; wateta ukumkani wati ku‐Danyeli: Danyeli, sicaka sikatixo opilileyo! utixo wako, lowo uhlala umkonza futi, unamandla okukukulula ezingonyameni na?
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Akusondela emhadini, wadanduluka kuDaniyeli ngezwi elibuhlungu. Wasusela ukumkani, wathi kuDaniyeli, Daniyeli, mkhonzi woThixo ophilileyo, uThixo wakho, obuhlala umbusa, ube nako na ukukusindisa ezingonyameni?
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Yathi yakufika emhadini, yakhala kuDaniyeli; Waphendula ukumkani, wathi kuDaniyeli, Daniyeli, mkhonzi woThixo ophilileyo, uThixo wakho, ombusa ngamaxesha onke, ube nako na ukuhlangula ezingonyameni?
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Akusondela kuwo ke wakhwaza engxunguphele, wathi: “Daniyeli! Daniyeli! Sicaka soThixo ophilayo! Ube nako na ukukuhlangula kwezo ngonyama uThixo wakho omnqula ngentembeko maxa onke?”