Daniel 6:23 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wandula ukumkani wavuya kakulu ngaye, waxela ukuba u‐Danyeli makenyuswe emnxunyeni. Waza u‐Danyeli wenyuswa emnxunyeni; akwafunyanwa ke kuye nasinye isenzakalo; ngokuba ebekolwa kuye utixo wake.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Waza ukumkani wavuya kunene, wathi uDaniyeli makanyuswe emhadini. Wenyuswa ke uDaniyeli. Akwafumaneka nasinye isenzakalo kuye; ngokuba ebekholwe kuThixo wakhe.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ukumkani wavuya kunene ngakuye, wathi makamkhuphe uDaniyeli emhadini. Wakhutshwa ke uDaniyeli emhadini, akwafunyanwa nanye into embi kuye, ngokuba ebekholwe kuThixo wakhe.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Wavuya gqitha ke ukumkani, waza wayalela ukuba uDaniyeli akhutshwe apho emngxunyeni. Akukhutshwa ke wafumaniseka engenawo nomkrwelo lo, kuba kaloku yena wayekholose ngoThixo wakhe.