Daniel 6:24 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waxela ukumkani, kwaza kwaziswa lomadoda abemnikile u‐Danyeli ityala, ajulelwa emnxunyeni wengonyama, wona, nabantwana bawo, nabafazi bawo; zaza ingonyama zabeyisa bengekafiki pantsi emnxunyeni, nawo onke amatambo abo zawatyumza.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ukumkani wayalela, aziswa loo madoda ebemncethezile uDaniyeli, bawajulela emhadini weengonyama, wona nabantwana bawo, nabafazi bawo; zaza, bengekafiki nokufika emzantsini womhadi, iingonyama zabagonyamela, zawacola onke amathambo abo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ukumkani wayalela ukuba aziswe amadoda lawo ayemangalele uDaniyeli, aza aphoswa emhadini weengonyama, wona nabantwana bawo, nabafazi bawo; zababamba iingonyama, zawaphula onke amathambo abo, nokuba baye kufika nasezantsi emhadini.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ukumkani ke wayalela ukuba abanjwe loo madoda ayemangalele uDaniyeli. Wathi makathathwe neentsapho zawo, abafazi nabantwana, baza ke bebonke baphoswa apho emngxunyeni weengonyama. Bathi ke, bengekafiki nasezantsi, zabaganga iingonyama, zawanqwamza amathambo abo.