Daniel 6:25 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wandula ukumkani u‐Dariyusi waba̔la kubo bonke abantu, n ezizwe, nenteto, abahleli kuwo wonke umhlaba, esiti: Uxolo malwandiswe kuni!
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Waza uDariyo ukumkani wabhalela kuzo zonke iintlanga, nezizwe, neelwimi, ebezihleli ehlabathini lonke, wathi: Uxolo lwenu malube lukhulu!
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Waza uDariyo ukumkani wabhalela kuzo zonke izizwe, neentlanga zonke, neelwimi zonke ezibe zisehlabathini lonke; Uxolo malube nani.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngoko ke ukumkani uDariyo wabhalela zonke izizwe, iintlanga, nabantu beelwimi ngeelwimi ehlabathini jikelele, wathi: “Ngamana kunganda ngokugqithisileyo ukonwaba kuni nonke!