Daniel 6:26 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ndiyawenza umteto, ukuba makuti kubo bonke ubukosi bobukumkani bam kungcangcazelwe kwoyikwe pambi kwotixo ka‐Danyeli: ngokuba e ngutixo opilileyo, emi ngonapakade; ubukumkani bake bobungayi kutshatyalaliswa, nobukosi bake bobako kude kube sekupeleni.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ndiwisa umthetho wokuba bathi, ezindaweni zonke zegunya lobukumkani bam, badidizele bothuke abantu phambi koThixo kaDaniyeli. Ngokuba unguThixo ophilileyo, emi ngonaphakade;ubukumkani bakhe abonakaliswa, negunya lakhe liya kuda liye ekupheleni;
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ndikhupha umyalelo wokuba bonke abantu abakurhulumente wonke wobukumkani bam bangcangcazele baze boyike phambi koThixo kaDaniyeli, ngenxa yokuba unguThixo ophilayo ozinzileyo de kube sekupheleni kwexesha, yaye ‘ubukumkani bakhe abuyi kuba bume utshatyalalisiwe, yaye ubukumkani bakhe buya kwanela kude kubezekupheleni.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ndigunyazisa kulo lonke kulo mbuso wam ukuba wonke umntu makamoyike amhlonele amthobele uThixo kaDaniyeli. “Kuba yena nguThixo ophilayo, uThixo okhoyo ngonaphakade. Umbuso wakhe soze utshatyalaliswe; ulawulo lwakhe alunasiphelo.