Daniel 6:3 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wandula u‐Danyeli lo wadlula abongama abo nenkosi ezo ngokulunga, ngokokuba umoya ogqitisileyo ubukuye; wada ukumkani wacingela ukummisa pezu kwobukumkani bonke.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Waza lo Daniyeli wabongamela abongameli nabaziirhuluneli, ngokokuba egqithisele kubongameli ngomoya omhle; ukumkani wacinga ngokummisa phezu kobukumkani bonke.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Waza lo Daniyeli wakhethwa ukuba alawule iintloko neenkosana, ngenxa yokuba umoya wawumlungele; ukumkani wacinga ukumenza umphathi kubo bonke ubukumkani.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UDaniyeli ke wazibalula koogxa bakhe ababini kunye neerhuluneli ngesimo sakhe esihle, kangangokuba ukumkani wazimisela ukumnyusela ukuba ongamele bonke ubukumkani.