Daniel 6:4 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Bandula abongama nenkosi bafuna ukuba balifumane ituba ngakuye u‐Danyeli ngendawo yobukumkani; koko bebekohlwa kufumana nalinye ituba netyala; ngokokuba ebengowenyaniso, kungafunyanwanga nasinye isiposo netyala kuye.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Baza abongameli nabaziirhuluneli bafuna, ukuba bafumane ithuba ngakuDaniyeli mayela nobukumkani. Ke ababanga nako ukufumana nalinye ithuba, nantlondi imbi, ngenxa enokuba ebethembekile; bekungafumaneki nanye imposiso nantlondi imbi kuye.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngoku iinkokeli nabathetheli bafuna ukufumana isizathu ngakuDaniyeli malunga nobukumkani; kwaye ababona siphoso; ngokuba ebethembekile, akufunyanwanga tyala natyala kuye.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Oogxa bakhe abongameli kunye neerhuluneli bazama ukufumana isizathu sokumbeka ibala uDaniyeli mayela nomsebenzi wakhe wokulawula. Kambe ke zange baphumelele, kuba wayenyanisekile, engumfo okhutheleyo ongenabuqhetseba.