Daniel 6:7 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Bonke abongama bobukumkani, amagosa nenkosi, amapakati nenkosana, bacebene kunye ukumisa ummiso wobukumkani, nokwenza umteto oqinileyo, wokokuba osukuba eya kucela ingcelo nasetixweni nasemntwini ngezintsuku zimashumi matatu, kupela acele kuwe, kumkani! uya kujulelwa emnxunyeni wengonyama.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Bonke abongameli bobukumkani, nabathetheli bomkhosi, neerhuluneli, namaphakathi, namabamba, bavumelene ngecebo lokuba ukumkani amise ummiselo, aqinise isalelo sokuthi: Bonke abathandaza umthandazo nakongubani, uthixo nomntu, ongenguwe, kumkani, ngeentsuku ezimashumi mathathu, mabajulelwe emhadini weengonyama.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Bonke abaphathi bobukumkani, namabamba, nabathetheli, nabacebisi, namabamba, bacebisana ukuba bawumise umthetho wakomkhulu, benze isigqibo esimisiweyo sokuba nabani na ocela isicelo kuThixo nokuba nguwuphi na, makacele into kuye iintsuku ezimashumi mathathu, kodwa wena, kumkani, uya kuphoswa emhadini weengonyama.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Xa sisonke thina bongameli, nezikhulu, neerhuluneli, namaphakathi, nabaphathiswa, sivumelene ukuba sikucele, mhlekazi, ukuba uwise umthetho onyanzelisayo ukuba kwithuba leentsuku ezingamashumi amathathu kungabikho mntu uthandaza nawuphi na uthixo okanye umntu ngaphandle kokuba athandaze kuwe, mhlekazi. Lowo waphule lo mthetho makaphoswe emngxunyeni weengonyama.