Daniel 7:1 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
NGOMNYAKA wokuqala ka‐Beleshatsare ukumkani we‐Babilone, u‐Danyeli wabona ipupa, nemiboniso yentloko yake, epezu kwomandlalo wake; wandula waliba̔la ipupa elo, wayityela imfinyezwa yendawo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ngomnyaka wokuqala kaBheleshatsare ukumkani waseBhabheli, uDaniyeli wabona iphupha nemibono yentloko yakhe esililini sakhe. Waza walibhala iphupha, waxela isimbuku sezo zinto.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngomnyaka wokuqala wobukumkani bukaBheleshatsare ukumkani waseBhabheli, uDaniyeli waphupha, wabona umbono esililini sakhe; walibhala phantsi iphupha elo, walishwankathela.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngonyaka wokuqala engukumkani eBhabheli uBhelshazare uDaniyeli waphupha iphupha wafikelwa ngumbono engqondweni yakhe elele emandlalweni. Walibhala iphupha, esalatha ingcombolo yalo,