Daniel 7:10 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Umlambo womlilo wela wapuma ebusweni bake; amawakawaka akonza kuye, namashumi amawakawaka ema pambi kwake; kwahlalwa ukugweba, nencwadi zavulwa.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kwaphuma umlambo womlilo phambi kwakhe, amawaka amawaka ayelungiselela kuye, nezigidi zezigidi bezimisa phambi kwakhe;abagwebi bahlala phantsi, iincwadi zavulwa.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kwakuphuma umlambo womlilo phambi kwakhe, iwaka lalilungiselela, ishumi lamawaka ngaphezu kweshumi lamawaka lalimi phambi kwakhe; kwagwetywa, zavulwa iincwadi.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kwakumpompoza umlambo ongumlilo, unkcenkceza uphuma apho kuso. Ewe, iNyange eli laliphahlwe ngamawaka-waka, kuzizigidi ngezigidi zimi phambi kwalo. Yaqalisa ke inkundla, zaza zavulwa iincwadi.