Daniel 7:11 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ndandula ndakangela ngenxa yelizwi lalomazwi makulu lwawatetayo upondo olo; ndakangela sada sabulawa esosilo, wabujiswa umzimba waso, sanikelwa ekuvuteni kwomlilo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ndabona; ndaza ngenxa yesandi samazwi amakhulu kakhulu olwawathethayo uphondo, ndabona, lada labulawa irhamncwa, wabhujiswa umzimba walo, wanikelwa emlilweni uvutha.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ndabona ngenxa yesandi samazwi amakhulu athethwayo ngesigodlo: ndakhangela lada labulawa irhamncwa, umzimba walo watshatyalaliswa, watshiswa ngomlilo ovuthayo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Ndasoloko ndibukele, kuba kaloku olo phondwana lwaluthetha izinto ezinkulu kakhulu. Ndisabukele njalo ke elo rhamncwa labulawa, isidumbu salo satshiswa ngomlilo.