Daniel 7:13 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ndabona emibonisweni yobusuku, kekaloku bona ke, wafika namafu ezulu onjengonyana wesintu, weza kuye omdala ngemihla, wasondezwa pambi kwake.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ndabona emibonweni yasebusuku: nanko kusiza, ngamafu ezulu, onjengonyana womntu, wafika kuNyangelemihla, wasondezwa phambi kwakhe.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ndabona embonweni wasebusuku, nanko onjengoNyana woMntu esiza esemafini ezulu, esiza eNkosini yemihla, yamsondeza kuye.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ndisabukele njalo kuwo loo mbono wasebusuku ndabona kusiza ofana nonyana womntu, esiza ephahlwe ngamafu. Ke kaloku waya kufika kwelo Nyange elimihla ingapheliyo, wasondezwa phambi kwalo.