Daniel 7:14 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kwaza kwanikwa kuye ubukosi, nodumo, nobukumkani, ukuze bakonze kuye bonke abantu, izizwe, nenteto: ubukosi bake bubukosi obungunapakade, obungasayi kububa, nobukumkani bake bobungasayi kutshatyalaliswa.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wanikwa igunya, nobuhandiba, nobukumkani, ukuze zonke iintlanga, nezizwe, neelwimi, zimbuse; igunya lakhe ligunya elingunaphakade, elingapheliyo; ubukumkani bakhe bobungayi konakaliswa.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wanikwa igunya, nozuko, nobukumkani, ukuze bamkhonze abantu beentlanga zonke, neentlanga zonke, neelwimi zonke; Ubukumkani bakhe bubukumkani obungunaphakade obungayi kudlula, nobukumkani bakhe bungayi konakaliswa.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Waza ke wathiwa jize ngamagunya, amawonga, nobukumkani, zaza zonke izizwe, iintlanga, nabantu beelwimi ngeelwimi, zamkhonza. Ubukhosi bakhe ke babungunaphakade bungenasiphelo, nombuso wakhe ungenakudaka.”