Daniel 7:18 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kodwa abangcwele bopezu kwonke baya kwamkela ubukumkani, babambe ubukumkani kude kube ngunapakade, kwa kude kube ngunapakade kanapakade.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ke ubukumkani baya kubuthabatha abangcwele bOsenyangweni, babume ubukumkani, kude kuse ephakadeni, kude kuse ephakadeni lamaphakade.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ke bona abangcwele bOsenyangweni baya kubuthabatha ubukumkani, babudle ilifa ubukumkani kude kuse ephakadeni.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Abantu abangcwele bakaPhezukonke ke bona baya kuzuza ulawulo, lube lolwabo kude kube ngunaphakade kanaphakade.’