Daniel 7:22 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
wada wafika omdala ngemihla, banikwa ubulungisa kwabangcwele bopezu kwonke, lafika ixesha abangcwele bazuza ubukumkani ngalo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
wada weza uNyangelemihla, wabagwebela abangcwele bOsenyangweni, lafika ixesha lokuba abangcwele babume ubukumkani.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
ade afike uMnini-mihla, bagwetywe abangcwele bOsenyangweni; kwaye ixesha liyakufika lokuba abathembekileyo bathabathe ubukumkani.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
kwada kwafika iNyange elimihla ingapheliyo, laza labagwebela abo bangabantu abangcwele bakaPhezukonke. Kananjalo ke lasuka lathwasa ixesha lokuba ulawulo lube lolwabantu bakaThixo.
Recommended Reading