Daniel 7:23 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Watsho ukuti: Isilo sesine soba bobesine ubukumkani pezu kwomhlaba, obuya kwahluka kubo bonke ubukumkani; babuya kuwudla umhlaba wonke, buwunyatele, buwutyumze.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Watsho ukuthi, Irhamncwa lesine ke: kuya kubakho ubukumkani besine ehlabathini, obungafaniyo bona nezikumkani zonke, bulidle ihlabathi lonke, bulinyathele, bulicole.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi, Irhamncwa lesine kuya kubakho ubukumkani besine ehlabathini, obungayi kwahluka kuzo zonke ezinye izikumkani, buliphanzise elimiweyo liphela, bulinyathele, bulityumze.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Waqhuba ke endichazela esithi: ‘Eli rhamncwa lesine ngumbuso wesine oya kubakho apha emhlabeni. Wona awuyi kufana neminye. Wona uya kulinqwamza ihlabathi liphela, ulinyhashe, ulikroboze.