Daniel 7:24 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Nempondo ezilishumi, zona zingokumkani abalishumi, abaya kuvuka ebukumkanini obo; nasemva kwabo kwovuka omnye; waye yena eya kwahluka kubo abapambili, atobise okumkani abatatu.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Iimpondo ezilishumi ke: kuya kusuka kume kobo bukumkani ookumkani abalishumi, kusuke omnye emva kwabo; lowo akayi kufana nabaphambili; uya kuthoba ookumkani abathathu,
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Iimpondo ezilishumi eziphuma kobo bukumkani ngookumkani abalishumi abaya kuma, kume omnye emva kwabo; yaye uya kwahluka kowokuqala, yaye uya kuthoba ookumkani abathathu.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ezo mpondo zilishumi ke zithetha ookumkani abalishumi abaya kuvela kuloo mbuso. Kananjalo emva kwabo kuya kuvela omnye ukumkani owahlukileyo kwabo bamanduleleyo. Ke yena uya kuboyisa ookumkani abathathu.