Daniel 7:27 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kanjalo ubukumkani, nobukosi, nobukulu bobukumkani ngapantsi kwezulu lonke, buya kunikwa ebantwini babangcwele bopezu kwonke, obukumkani bubukumkani obungunapakade, babuya kumkonza bonke ubukosi, bumpulapule.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ubukumkani, negunya, nobukhulu bezikumkani phantsi kwamazulu onke, buya kunikwa abantu abangcwele bOsenyangweni;ubukumkani bakhe bubukumkani obungunaphakade, namagunya onke aya kumbusa, amve.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ubukumkani, nolawulo, nobukhulu bezikumkani, phantsi kwezulu lonke, buya kunikwa abantu abangcwele bOsenyangweni, obukumkani bubukumkani obungunaphakade, nezikumkani zonke ziya kumkhonza, zimve;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ke kaloku ubukhosi namagunya nobuhandiba bazo zonke izikumkani zehlabathi buya kunikezelwa kubantu abangcwele abalusapho lukaPhezukonke. Ke kaloku ulawulo lwaloo mbuso aluyi kuba nasiphelo, zaye ke zonke izikumkani zehlabathi ziya kuwuthobela ziwululamele.’