Daniel 7:28 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kwada kwakaloku kukupela kwalendawo. Kekaloku mna Danyeli izicamango zam zanditusa kakulu, nobuso bam bandiguqulelwa; noko ndayigcina into leyo entliziyweni yam.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Yaza kuphela apha le nto. Mna Daniyeli, izicamango zam zandikhwankqisa kakhulu, Ibala lobuso bam laguquka ndayigcina le nto entliziyweni yam.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Yaza kuphela apha le nto. Ke yena uDaniyeli, izicamango zam zandothusa kakhulu, ubuso bam baguquka; kodwa ndawugcina loo mbandela entliziyweni yam.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Iphela apha ke le ngcombolo. Mna Daniyeli ndothuke gqitha ndakucinga ngezi zinto, bada nobuso bam bathi rhubaxa. Kambe ke yonke le nyewe ndayigcina entliziyweni yam, ndayetyisa.”