Daniel 7:4 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Esokuqala besinjengengonyama, sinamapiko okozi; ndakangela ada axwitwa amapiko aso, saza safunqulwa emhlabeni, samiswa pezu kwenyawo njengomntu, nentliziyo yomntu yanikwa kuso.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Elokuqala libe linjengengonyama, linamaphiko okhozi;ndalibona, ada amaphiko alo axhwithwa, lafunqulwa emhlabeni, lamiswa ngeenyawo njengomntu, lanikwa intliziyo yomntu.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Eyokuqala ibifana nengonyama, inamaphiko okhozi;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Elokuqala lalifana nengonyama, koko linamaphiko njengokhozi. Ndithe ndisabukele suka amaphiko lawo ancothuka. Laza ke elo rhamncwa laphakanyiswa emhlabeni, lamiswa ngeenyawo ngokomntu. Kananjalo lasuka lanengqondo yomntu.