Daniel 7:5 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kekaloku bona ke, esinye isilo, esesibini, besinjengebere, sazipakamisa ngecala elinye, sinazo imbambo ezintatu emlonyeni waso pakati kwamazinyo aso; kwaza kwatshiwo kuso ukuti: Suka, yidle inyama eninzi.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Nalo elinye irhamncwa, elesibini, linjengebhere;laziphakamisa ngacala-nye, lineembambo ezintathu emlonyeni walo phakathi kwamazinyo alo; kwathiwa kulo, Suka udle inyama eninzi.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ndabona elinye irhamncwa, elesibini, lifana nebhere, limi ngaphesheya, lineembambo ezintathu emlonyeni walo phakathi kwamazinyo alo; Bathi kuye, Vuka udle inyama eninzi.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Kwakhona kwathi gqi irhamncwa lesibini linjengebhere, limi liziphakamisile ngelinye icala. Emlonyeni laliphethe iimbambo ezintathu ngamazinyo alo. Kwathiwa kulo: ‘Phakama, utye inyama kangangoko!’