Daniel 7:6 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Emveni kwoku ndakangela, nasiya esinye, sinjengengwe, sinamapiko amane entaka pezu kwomhlana waso; kanjalo isilo eso besinentloko ezine, nobukosi bebunikwa kuso.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Emveni koko ndabona: nalo elinye, linjengengwe, linamaphiko entaka amane emhlana walo, lineentloko ezine; irhamncwa elo lanikwa igunya.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Emva kwezi zinto ndakhangela, ndabona elinye, linjengehlosi, linamaphiko entaka amane emqolo; Irhamncwa elo lalineentloko ezine; wanikwa ukumkani.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Emva koko, ndisabukele njalo, kwathi gqi elinye elalifana nengwe. Kambe ke lalinamaphiko amane angathi ngawentaka, kananjalo lineentloko ezine. Lanikwa amagunya okulawula.