Daniel 8:13 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ndaza ndeva oyingcwele eteta; wati omnye oyingcwele kulowo okwa nguye owatetayo: Woba kade kangakananina umboniso ngalo idini elifuti nesigqito esicitakalisayo, ukuba kunikelwe n endawo eyingcwele nomkosi ukunyatelwa pantsi?
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ndamva ongcwele ethetha; wathi ke omnye ongcwele kulowo ubethetha, Ngowomzuzu ongakanani na umbono lowo wenkonzo yamaxesha onke, nowesikreqo esiphanzisayo, ukunikelwa oko kwengcwele nomkhosi lowo ekunyhashweni?
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ndamva ongcwele ethetha, wathi ke omnye kowangcwele: “Koda kube nini na lo mbono ungowomnikelo wemihla ngemihla, nosisigwebo esitshabalalisayo, ukuze kunyhashwe ingcwele neenkundla? utshintsho?
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ke kaloku ndeva izithunywa zezulu zithetha, esinye sibuza sisithi: “Yoba lixesha elingakanani na ukuze ezi zinto zikulo mbono zizaliseke? Nditsho lo mbono malunga nokupheliswa kwamadini atshiswayo emihla ngemihla, novukelo oluphanzisayo, nokuxovulwa ngeenyawo komkhosi wezulu nendawo eyingcwele.”