Daniel 8:15 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kwaza kwati, xeshekweni bendibonile umboniso, mna Danyeli, ndafuna uku wu qonda, kekaloku bona ke, kwema ngapambi kwam njengokubonakala kwendoda.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kwathi, ndakuwubona umbono, mna Daniyeli, ndafuna ukuqonda;nanko kumi phambi kwam okungathi kuyimbonakalo yendoda.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Mna, Daniyeli, ndawubona loo mbono, ndaza ke ndifuna ukuwucacisa, ndabona emi phambi kwam enjengokubonakala komntu.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ke kaloku mna Daniyeli ndathi ndisacamanga ngalo mbono, ndifuna ukuqonda intsingiselo yawo, suka ndabona into embonakalo ngathi yindoda imi apho phambi kwam.