Daniel 8:17 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wasuka weza kufupi apo ndema kona; ndati ke akuza, ndoyika, ndawa ebusweni bam: waza wati kum: Qonda, wena nyana woluntu! ngokuba umboniso lo ungowexesha lesipelo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Weza kweli cala ndimi kulo. Akuza ndoyika, ndawa ngobuso;wathi kum, Qonda, nyana womntu; ngokuba umbono lo usingise kwixesha lokuphela.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wasondela apho bendimi khona; ekuzeni kwayo ndoyika, ndawa ngobuso; wathi kum, Qonda, nyana womntu; ngokuba lo mbono uya kuba lapho ngemihla yokugqibela.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngenene ke uGabriyeli weza kweli cala ndimi kulo, kwathi esiza njalo mna ndasuka ndawa ndacambalala emhlabeni ndisoyika. Ke yena wabhekisa kum wathi: “Mntundini, yazi ukuba lo mbono ubhekiselele kwixesha lesiphelo.”