Daniel 8:22 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kekaloku ukuba lwapuka lona, nokuba kwema ezine endaweni yalo, kuya kusuka ubukumkani obune esizweni eso, kodwa akuyi kuba semandleni alo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ukwaphuka oku, kume zibe ne esikhundleni salo, kukuthi, kuya kusuka kume izikumkani ezine eluhlangeni, kungabi ngamandla alo ke.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ekubeni laphulwe, kuya kuvela ezine phambi kwalo, kuvele oorhulumente abane bephuma eluhlangeni, bengengamandla alo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Eziya mpondo zine ziphumileyo lwakuba lwaphukile oluya lokuqala, zimele imibuso emine eya kuphuma kulawulo lokumkani wokuqala. Yona ke iya kuba nganeno kwalo wokuqala ngokomelela.