Daniel 8:24 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Amandla ake aya kwomelela, kodwa akuyi kuba ngawake amandla: uya kutshabalalisa ngokungummangaliso, ahambiseke, enze nokwenza; waeya kutshabalalisa abanamandla nabantu abangcwele.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
omelele amandla akhe, kodwa kungabi ngamandla akhe; ke uya konakalisa ngokubalulekileyo, abe nempumelelo, afeze, abatshabalalise abomeleleyo nabantu babangcwele.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kwaye amandla akhe aya komelela, kungabi ngokwamandla awo; uya konakalisa ngendlela emangalisayo, aphumelele, enze, atshabalalise anamandla nohlanga olungcwele.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Uya kukhula omelele, kodwa engakwenzi oko ngawakhe amandla. Uya kwenza intshabalalo engathethekiyo; konke akwenzayo kophumelela. Kwanâbo bomeleleyo uya kubatshabalalisa, nditsho kwanabantu abangcwele abalusapho lukaThixo.