Daniel 8:25 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kanjako ngobuqinga bake uya kuhambisa inkohliso esandleni sake: waeya kuzenza mkulu entliziyweni yake, atshabalalise abaninzi eluxolweni: kanjalo uya kumela inkosi kankosi; kodwa uya kwapulwa singeko isandla.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ngenxa yobuqhokolo bakhe, yoba nempumelelo inkohliso ngesandla sakhe, azenze mkhulu entliziyweni yakhe, abatshabalalise abaninzi ngokwalama, asukele phezulu kumthetheli wabathetheli, aphulwe, ke kungabi ngasandla.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kwaye kwakhona ngecebo lakhe uya kuphumelela emsebenzini esandleni sakhe; kwaye uya kuziphakamisa entliziyweni yakhe, kwaye uya kubatshabalalisa abaninzi ngoxolo; kodwa akayi kubethwa ngesandla.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Uya kuphumelela ngamaqhinga, amandla akhe abe bubuqhetseba. Uya kuba ngumfo ozingcayo, abatshabalalise abantu abaninzi bengakulindelanga oko. Uya kuvukela nditsho neTshawe lamatshawe; kambe ke uya kutshatyalaliswa, phofu kungengasandla samntu.