Daniel 8:26 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kekaloku umboniso wokuhlwa nokusa, oxeliweyo, uyinene; kodwa wena, wuvalele lomboniso, ngokuba ungowemihla emininzi.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Umbono wokuhlwa kusisa okhankanyiweyo uyinyaniso. Wena ke, uze uwuvalele umbono; ngokuba uyakwimihla emininzi.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Umbono wokuhlwa kusisa okhankanyiweyo uyinyaniso; kuba iya kuba yimihla emininzi.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ke kaloku lo mbono malunga nokuhlwa nokusa, lo uwutyhilelweyo, uyinyani. Kambe ke wena uze ungawudizi; uthetha ngemihla esekude ezayo.”