Daniel 8:3 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ndaza ndawapakamisa amehlo am, ndakangela, kekaloku bona ke, kwema pambi kwomlambo inkunzi yegusha inempondo mbini: ezo impondo mbini zazinde; kodwa olunye belulude kolunye, kanjalo olude lwagqibela ukupuma.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ndaphakamisa amehlo am, ndabona, nanko kumi phambi komlambo inkunzi yegusha, ineempondo ezimbini. Ezi mpondo zombini zinde, olunye ke lulude kunolunye; olu lude lwavela mva.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ndawaphakamisa amehlo am, ndakhangela, nantso inkunzi yegusha imi ngasemlanjeni, ineempondo ezimbini; zaphakama iimpondo zombini; kodwa enye yayiphakame kakhulu kunomnye, kwaye ephakamileyo yayingasemva.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Apho ke phezu kwaloo mlambo ndabona nantso inkunzi yegusha eneempondo ezimbini ezinde kunene. Olunye lwazo ke lwalulude kunolunye, kodwa lona lwaluphume mva.