Daniel 8:4 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ndabona inkunzi yegusha inquba ngasentshonalanga, nangasenode, nangasesuyide, kwaza akwabiko nasinye isilo esinokuma ebusweni bayo, kanjako bekungeko ohlangulayo esandleni sayo; kodwa yenza ngentando yayo, yaba nkulu.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ndayibona inkunzi yegusha ihlaba, ibhekisa entshonalanga, nasentla, nasezantsi; zonke izinto eziphilileyo azaba nakuma phambi kwayo, akwabakho unokuhlangula esandleni sayo. Yenza ngokukholekileyo kuyo, yakhula.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ndabona inkunzi yegusha ityhoboza, ibhekisa entshonalanga, entla, nasezantsi; akwabakho ukuma phambi kwayo, akwabakho unokuhlangula esandleni sayo; kodwa wenza ngokuthanda kwakhe, wakhula.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Le nkunzi ke ndayibona ilekuza ngezo mpondo, ibhekisa ngasentshona, ngasentla, nangasezantsi. Ewe, kwakungekho silwanyana sinako ukumelana nayo, kungekho ndlela yakusinda kuyo. Yayisenza unothanda, isiba nkulu ngokuba nkulu.