Daniel 9:11 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ewe, o‐Sirayeli bonke bagqitile umteto wako, kwa ngokupambuka, ukuze bangapulapuli ilizwi lako; ngako sigalelelwe sisiqalekiso nesifungo esiba̔liweyo emtetweni ka‐Mosesi isicaka sikatixo, ngokokuba sonile ngakuye.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Onke amaSirayeli awugqithile umyalelo wakho; atyekile ukuba angaliphulaphuli izwi lakho. Siphalazekile ke phezu kwethu isiqalekiso nesifungo, esibhaliweyo emyalelweni kaMoses umkhonzi kaThixo; kuba sonile kuye.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Onke ke amaSirayeli awugqithile umyalelo wakho; ngenxa yoko kwaphalazwa phezu kwethu isiqalekiso, nesifungo esibhaliweyo emyalelweni kaMoses, umkhonzi kaThixo, ngokuba sonile kuye.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
USirayeli ephela uyigqithile imithetho yakho, waphambuka akavuma ukulithobela izwi lakho. “Ngenxa yokona kwethu ke uNdikhoyo uzithulule phezu kwethu zonke iziqalekiso ngokwesifungo sakhe esibhaliweyo emthethweni kaMosis isicaka sakhe.