Daniel 9:13 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Njengokuba kuba̔liwe emtetweni ka‐Mosesi, kufikile pezu kwetu bonke obububi; kanti asibongozanga uyehova, utixo wetu, ukuba siguquke ezinkohlakalweni zetu, sigqale inyaniso yako.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Njengoko kubhaliweyo emyalelweni kaMoses, bonke ububi busizele. Ke asimbongozanga uYehova uThixo wethu, ukuba sibuye ebugwenxeni bethu, sibe ngabanokuqiqa ngenyaniso yakho.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Njengoko kubhaliweyo emyalelweni kaMoses, bonke obu bubi busifikela; ke asimbongozanga uYehova uThixo wethu, ukuba sibuye ebubini bethu, siyiqonde inyaniso yakho.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ewe, ubuthululele phezu kwethu bonke ububi obukhankanyiweyo emthethweni kaMosis. Kambe nangoku asikayelelisi ekumkholiseni uNdikhoyo uThixo wethu ngokujika kubugwenxa bethu; asikayinyamekeli inyaniso yakhe.