Daniel 9:16 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Nkosi! njengabo bonke ubulungisa bako, makekunqandwe ingqumbo yako nobuṙalaṙume bako kuso isixeko sako i‐Yerusaleme, intaba eyingcwele yako: ngokuba ngenxa yezono zetu, nangenxa yenkohlakalo zobawo betu, i‐Yerusaleme nabantu bako basisigxekwa kubo bonke abasingqongayo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Nkosi, ngokwemisebenzi yakho yonke yobulungisa, mawukhe ubuye umsindo wakho, nobushushu bakho, kumzi wakho iYerusalem, kwintaba yakho engcwele: kuba, ngezono zethu nangobugwenxa boobawo, iYerusalem nabantu bakho basisingcikivo kuba bonke abasijikelezileyo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Owu, Nkosi, ngokobulungisa bakho bonke, mawubuye umsindo wakho nobushushu bakho, emzini wakho iYerusalem, intaba yakho engcwele, ngenxa yezono zethu, nangenxa yobugwenxa boobawo, iYerusalem, nabantu bakho. Intloni kumntu wonke ophezu kwethu.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Mhlekazi, ngokwemisebenzi yakho yonke yobulungisa, mawukhe uthothe umsindo wakho nengqumbo yakho kwisicaka sakho iJerusalem, nditsho kwintaba yakho eyodwa. Ngenxa yezono zethu nobugwenxa boobawo iJerusalem nabantu bakho balihlazo kubo bonke abasingqongileyo.