Daniel 9:21 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
ewe, ndisateta mna ekutandazeni, indoda engu‐Gabriyeli, leyo bendiyibonile embonisweni ekuqaleni, ikaulezisiwe nje ngokubaleka, yandicu̔kumisa ngexesha lingati lelomnikelo wokuhlwa.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
ndisathetha ke ngokuthandaza, indoda enguGabriyeli, leyo ndayibonayo embonweni ekuqaleni, ndityhafile nokutyhafa, yasondela kum ngexesha lomnikelo wangokuhlwa.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ke kaloku, ndisathetha emthandazweni, indoda uGabriyeli, leyo ndayibonayo embonweni ekuqaleni, yaphaphatheka ngokukhawuleza, yandichukumisa ngexesha lombingelelo wangokuhlwa.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
ewe, ndisathandaza njalo, gqi uGabriyeli, indoda ebendikhe ndayibona kumbono wam wangaphambili, endanda esondela kum ngexesha lokwenziwa kwamadini atshiswayo angokuhlwa.