Daniel 9:26 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Nasemveni kwazo ezoveki zimashumi matandatu anambini u‐Mesiya wonqanyulwa, kodwa akuyi kuba ngenxa yokwake; nesixeko n endawo eyingcwele bozitshabalalisa abantu benkosi eya kuza; ukupela kwayo kwoba ngomsinga, nakude kube sekupeleni kwobako imfazwe, n engci̔takalo ezimisiweyo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Emveni ke kweeveki ezimashumi mathandathu anambini, uya kunqunyulwa umthanjiswa, angabi saba nanto. Umzi nengcwele uya kutshatyalaliswa ngabantu benganga eya kuza; ukuphela kwayo kuya kuba ngomkhukula. Kude ke kuse ekupheleni, kuya kuba yimfazwe, luphanziso olumiswe lwagqitywa.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Emveni ke kweeveki ezimashumi mathandathu anambini, uKristu uya kutshatyalaliswa, kungabi ngenxa yakhe; Umzi nengcwele uya kutshatyalaliswa ngabantu benganga ezayo; yaye isiphelo saso siya kuba ngomkhukula, kude kube sekupheleni kwemfazwe kuya kubakho izinto eziziinqambi eziqinisekisiweyo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ekupheleni kwelo xesha ke uMthanjiswa uya kunqanyulwa, kungabikho bani ungakuye. Isixeko ndawonye nendlu kaThixo ziya kutshatyalaliswa ngumkhosi wenjengele efikayo. Isiphelo ke siya kugaleleka ngathi sisikhukula, imfazwe iqhubele phambili iphelekwa ziinkxwaleko ezimiselweyo.