Daniel 9:7 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kuwe, Nkosi! kuko ukulunga, kodwa kuti kuko ukudana kwobuso, njengokuba kunjalo namhla nje; kuwo amadoda akwa‐Juda, nakubo abemi base‐Yerusaleme, nakubo o‐Sirayeli bonke, abo bakufupi, nabo bakude, kuwo onke amazwe apo ubagxotele kona, ngenxa yobumenemene babo abenzileyo ngakuwe.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Nkosi, bukuwe ubulungisa; kuthi kukudana kobuso, njengoko kunjalo namhla, kumadoda akwaYuda, kubemi baseYerusalem, kumaSirayeli onke, akufuphi nakude, emazweni onke, apho wawagxothela khona ngenxa yobumenemene bawo, awamenezayo ngabo kuwe.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Yehova, kobakho okusesikweni, kodwa ubuso bethu budidekile njenganamhlanje; kumadoda akwaYuda, kubemi baseYerusalem, nakumaSirayeli onke, akufuphi nakude, emazweni onke, enawagxothela kuwo ngenxa yezono zabo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Ke wena, Mhlekazi, ulilungisa, ukanti ke thina sigutyungelwe lihlazo njengoko kunjalo nanamhla. Xa sisonke thina sinjalo, thina bemi belakwaJuda, naseJerusalem, namaSirayeli onke owawasarhaza ezizweni, kwezikude nakwezikufuphi, ngenxa yokungathembeki kwawo.

Recommended Reading