Deuteronomy 1:15 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ndaza ndatabata intloko zezizwe zenu, amadoda alumkileyo, anokwazeka, ndawenza intloko pezu kwenu, inkosi zamawaka, nenkosi zamakulu, nenkosi zamashumi mahlanu, nenkosi zamashumi manye, namagosa pakati kwezizwe zenu.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ndabathabatha ke abaziintloko zezizwe zakowenu, amadoda alumkileyo, aziwayo, ndawamisa aba ziintloko phezu kwenu:abathetheli-waka, nabathetheli-makhulu, nabathetheli-mashumi ngamahlanu, nabathetheli-mashumi ngamanye, nabaphathi, ngokwezizwe zakomawenu.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ndabathabatha ke abaziintloko zezizwe zakowenu, amadoda alumkileyo, adumileyo, ndawamisa aba ziintloko zenu, abathetheli bewaka, nabathetheli balikhulu, nabathetheli bamashumi ngamahlanu, nabathetheli beshumi labathetheli bezizwe zakomawenu.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngoko ke ndawathatha loo madoda azizilumko anamava naniwakhethe ngokwezindlu zenu, ndawamisela ukuba ajongane neengxaki zenu. Ndawamisa ke ajongana namaqela angabantu abangamawaka, amakhulu, namashumi ngamahlanu, namashumi ngamanye. Ngokwenjenjalo ndaba ndinimisela amagosa ngokwezindlu zenu zonke.