Deuteronomy 1:17 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Aniyi kugqalisela ubuso ekugwebeni; niya kupulapula abancinane njengokuba nipulapula abakulu; aniyi kwoyika ubuso bomntu; ngokuba umgwebo ungo katixo: nendawo eninqabelayo, yisondezeni kum, ndandiya kuyipulapula.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ize ningakhethi buso ekugwebeni kwenu; ize nimphulaphule omncinane njengomkhulu, ninganxunguphaliswa bubuso bomntu;ngokuba ukugweba oku kokukaYehova. Indawo eninqabeleyo noyizisa kum, ndiyive.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Musani ukukhetha ubuso bomntu ekugwebeni; uthobele umncinane nomkhulu; musani ukuboyika ubuso bamntu; ngokuba umgwebo lo ngokaThixo; ukuba ityala linzima yizise kum ndilive.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ze ningakhethi buso xa nigwebayo, koko ze nigwebe ulowo nalowo, noba ungubani na, ngokufanayo. Ze ningabi nadyudyu, ningoyiki mntu, kuba nigweba ngegunya likaThixo. Ke yona imicimbi enoyisayo ze niyizise kum, ndiyigwebe ngokwam.’