Deuteronomy 1:21 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kangela ke, uyehova, utixo wako, ubekile elozwe pambi kwako; nyuka, libambe, njengokuba uyehova, utixo woyihlo bako, etshilo kuwe; ungoyiki, ungatuswa nokutuswa.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Khangela, uYehova uThixo wakho ulinikele kuwe ilizwe elo:nyuka wakhe kulo, njengoko wathethayo uYehova uThixo wooyihlo kuwe. Musa ukoyika, ungakwantyi nokunkwantya.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Yabona, uYehova uThixo wakho ulibeke ihlabathi phambi kwakho; nyukani nilime, njengoko wathethayo uYehova uThixo wooyihlo kuni; musani ukoyika, ningatyhafi.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Niyabona, uNdikhoyo uThixo wenu, uninike lo mhlaba. Ngoko ke hambani niwuthathe, nime kuwo, njengoko uNdikhoyo uThixo wookhokho aniyalelayo. Sanukuba nexhala okanye noyike.’