Deuteronomy 1:27 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Naye nibe niseya ezintenteni zenu, nati: Ngokuba uyehova esitiyile, usipumisile elizweni le‐Jipete, ukuba asinikele ezandleni zaba‐Amori, ukusitshabalalisa.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Nakrokra ezintenteni zenu, nathi, Wasikhupha kuba esithiyile uYehova ezweni laseYiputa, ukuze asinikele esandleni sama-Amori, asitshabalalise.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Baduma ezintenteni zabo, bathi, Kungenxa yokuba esithiyile uYehova, wasikhupha ezweni laseYiputa, ukuze asinikele esandleni sama-Amori, asitshabalalise.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Nahlala phantsi nakhalaza, nisithi: ‘UNdikhoyo usithiyile; ebengekhe asikhuphe kwelaseJiputa, aze azokusibeka esichengeni sokubulawa ngala ma-Amori!