Deuteronomy 1:28 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Sesiya kunyuka ukuya pina? abazalwana betu banyibilikisile intliziyo zetu, besiti: Abantu ngabakulu nabade kuti; izixeko zezikulu nezinqatyiselweyo kwada kwasezulwini; kanjako nosapo lwama‐Hanaki sasilubona apo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Siya kunyukela phi na? Abazalwana bethu bazinyibilikisile iintliziyo zethu, besithi, Abantu bakhulu, bade kunathi; imizi mikhulu, inqatyisiwe yada yesa ezulwini; kananjalo noonyana baka-Anaki sibabone khona.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Siya kunyukela phi na? abazalwana bethu bazidimaza iintliziyo zethu ngokuthi: Abantu abadala nabade kunathi; imizi emikhulu, eludongeni oluya kufikelela emazulwini; kananjalo, sababona khona oonyana bakaBhahanake.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Siya kuya phi na ke ngoku? Andithi kaloku nala madoda besiwathumile asityhafisile esithi abantu belo lizwe bomelele, futhi bade kunathi, ngokunjalo bahlala kwiidolophu ezinkulu ezibiyelwe ngeendonga ezirhec' izulu; kananjalo babone neengxilimbela ezingoonyana baka-Anaki!’