Deuteronomy 1:36 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
ngapandle kwo‐Kalebi, unyana ka‐Jefune! yena wolibona, nakuye ndowunika umhlaba abenyatela pezu kwawo, nakubo abantwana bake, ngenxa yokuba ekolisile ukulandela uyehova.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
ingenguKalebhi unyana kaYefune; wolibona yena. Ndiya kumnika ilizwe awanyathela phezu kwalo, yena noonyana bakhe, ngenxa enokuba emlandele kwaphela uYehova.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
hlangula uKalebhi unyana kaYefune; uya kulibona, ndimnike ilizwe awanyathela kulo, yena nabantwana bakhe, ngokuba umlandele uYehova ngokupheleleyo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kuphela longenwa nguKalebhi unyana kaJefune. Kaloku yena wahlala enyanisekile kum, ndaye ke elo lizwe walihlolayo ndiza kulinikela kuye nesizukulwana sakhe.’