Deuteronomy 1:38 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
u‐Yoshuwa, unyana ka‐Nune, omiyo ebusweni bako, yena uya kungena kona; lowo momeleze ke: ngokuba eya kubamkelisa o‐Sirayeli ilifa lalo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
UYoshuwa unyana kaNun, oma phambi kwakho, nguye owongena khona; momeleze, ngokuba yena wowadlisa ilifa elo amaSirayeli.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
uYoshuwa unyana kaNun, oma phambi kwakho, nguye oya kungena khona; Mkhuthaze, ngokuba nguye oya kuwanika uSirayeli ilifa lakhe.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kambe ke ihlakani lakho, uYoshuwa unyana kaNune, nguye oya kulingena elo lizwe; mkhuthaze, kuba nguye oya kungenisa uSirayeli kwelo lizwe elililifa lakhe.’