Deuteronomy 1:39 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Nentsapo zenu, enanisiti: Zoba lixoba; nabantwana benu, abangakwaziyo namhla okulungileyo nokukohlakeleyo, aba baya kungena kona, nakubo bona ndiya kulinika, baye bona beya kulifuya.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ke iintsatshana zenu, enibe nisithi zoba lixhoba, nabantwana benu abangakwaziyo namhla okulungileyo nokubi, bona bongena khona; ndolinika bona beme kulo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Abantwana benu, enibe nisithi bothinjwa, nabantwana benu abangakwaziyo okulungileyo nokubi ngelo xesha, bona bongena khona, ndibanike lona, babe zizityebi.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Ngaphezu koko ke uNdikhoyo wathi: ‘Ngabantwana benu kuphela abaya kungena kwelo lizwe; nditsho abo bangekakwazi ukwahlula okubi kokuhle, abo kanye nanisithi nina boba ngamaxhoba otshaba. Elo lizwe ndiya kulinikela kubo, limiwe ngabo.