Deuteronomy 1:41 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Naza napendula nati kum: Sonile ngakuye uyehova tina; sesiya kunyuka silwe, njengako konke asiyaleleyo uyehova, utixo wetu. Xeshikweni nise nibinqile abanye ngabanye ngempahla zabo zokulwa, ninxamile nje ukunyukela entabeni,
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Naphendula, nathi kum, Sonile kuYehova; sonyuka thina, silwe njengako konke asiyalele ngako uYehova uThixo wethu.Naxhoba ke elowo impahla yakhe yokulwa, nenza buphuthuphuthu ukunyuka intaba.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Naphendula nathi kum, Sonile kuYehova; sonyuka thina, silwe, njengoko wasiyalelayo uYehova uThixo wethu. Naxa elowo exhobile, exhobe exhobele imfazwe, nalungela ukunyuka intaba.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Ke nina naphendula nathi kum: ‘Simonile uNdikhoyo. Ngoko ke siza kujika silihlasele elo lizwe ngokomlomo kaNdikhoyo uThixo wethu.’ Ngenene ke nonke naqulela imfazwe, nicinga ukuba yoba yindlwana iyanetha ukuhlasela eleentaba.