Deuteronomy 1:43 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Koko ndakuteta kuni, nibe ningapulapuli; kodwa navukelana nelizwi likayehova, nenza nger̔atshi, nenyukela entabeni.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ndathetha kuni, anaphulaphula; nawuphikisa umlomo kaYehova, nagxalathelana ukunyuka intaba.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kungenxa yoko le nto ndithethe kuni; naza anaphulaphula, kodwa nawuvukela umyalelo kaYehova naza nenyuka induli ngekratshi.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ndanixelela ke loo mazwi kaNdikhoyo, kodwa zange niwakhathalele. Ewe, nasuka namgwilikela, naza nathi ngelo kratshi lenu nalihlasela eleentaba.