Deuteronomy 1:7 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
jikani, nihambe ke, niye entabeni yaba‐Amori, nakubo bonke abamelwane babo, etafeni, ezintabeni, ezihlanjeni, nasesuyide, naselunxwemeni lwolwandle; ezweni laba‐Kanane, nase‐Lebanone, kude kube ngumlambo omkulu, umlambo ongum‐Ferate.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Jikani ninduluke, niye entabeni yama-Amori, nakubo bonke abamelene nayo, eArabha, ezintabeni, nasesihlanjeni, nakwelasezantsi, nangaselwandle, ezweni lamaKanan, naseLebhanon, nide nise kuwo umlambo omkhulu, umlambo ongumEfrati.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Jikani, nihambe niye ezintabeni zama-Amori, nasezindaweni zonke ezikufuphi nazo, entlango, ezintabeni, nasezihlanjeni, nakwelasezantsi, naselwandle, nijikeleze ilizwe lamaKanan, nelizwe lamaKanan iintaba. iLebhanon ise emlanjeni omkhulu, umlambo umEfrati.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngoko ke ndulukani, nisinge ngakumhlaba weentaba wama-Amori, niye kwizizwe eziwungqongileyo kwintili yeJordan, nommandla weentaba ngokunjalo, namathafa kumazantsi aloo ngingqi, ukuya kuthi xhaxhe kunxweme lolwandle. Ewe, jongani kwelaseKanana, niphumele kwiintaba zeLebhanon, niyokuthi gaa ngomlambo omkhulu iEfrati.