Deuteronomy 1:8 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Bona ke, ndilibekile pambi kwenu ilizwe elo: ngenani nifuye ilizwe owabefunga ngalo uyehova koyihlo benu, u‐Abrahame, u‐Yisake, no‐Yakobi, ukuba uya kulinika kubo, nakwinzalo yabo emva kwabo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Khangelani, ndinisikele ilizwe. Ngenani, nakhe kwelo zwe wafungayo uYehova kooyihlo, ooAbraham noIsake noYakobi, ukuba wolinika bona, nembewu yabo emva kwabo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Yabonani, ndinivelisela ihlabathi; Ngenani, nilidle ilifa ilizwe, awafungayo uYehova kooyihlo uAbraham, noIsake, noYakobi, ukuba wolinika bona, nembewu yabo emva kwabo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Niyabona, lo mhlaba ndiwunika nina. Ngoko ke hambani niwuthathe, nime kuwo. Kaloku ndênza isibhambathiso sokuwunika ookhokho benu, uAbraham, uIsake, noYakobi, ngokunjalo nezizukulwana zabo.’ ”